





Kule nyanga siniphathele uNomabhele Amanda Ntuli oneminyaka emithathu waKwaMashu kwiphondo lakwazulu-NataI. Uprincess ongunina uthi ukuze umntwana azive ekhuselekile kufuneka aqeqeshwe
kubhale uZED DAVEY

UNOMABHELE Amanda Ntuli (oneminyaka emi-3) uhlala
nosapho lwakowabo KwaMashu. Unomntakwabo omnye, uAyanda (oneminyaka eli-14) nofunda iBanga lesi-7 ewestridge High School.
Xa abazali bakaNomabhele beye emsebenzini emini, uya kugcinwa eFull Gospel Creche ekuliziko eligcina abantwana nelibafundisa izinto ezahlukeneyo.
UNomabhele wafunda kule kritshi ukuqubha kwaye ngokutsho kukanina, uNksk. Princess Ntuli, ngoku uqubha okwentlanzi! Ndivuya gqitha njengokuba uNomabhele ekwazi nje ukuqubha. Sisoloko sisiva ngabantwana abarhaxwe ngamanzi kuba bengakwazi ukuqubha. Kubhetele umntwana akhawuleze afunde ukuqubha, utshilo uprincess.
UNomabhele sekwazi ukuthetha isiZulu ngokutyibikayo, kwaye unina umangaliswe kukuba intwazana yakhe seyikwazi nokuthetha isiNgesi!
UNomabhele uthanda ukuzoba ngeekhrayoni ezimibala-bala, ukubukela iKTV kwiM-Net nokudlala imidlalo kamabonakude ngorhatya nomntakwabo, uAyanda.
Uyamthanda umntakwabo owagqwesa kukhuphiswano lokumodela ngo-1990 wazuza ibhaso lama-R2 000. Bayevana uAyanda noNomabhele nangona beshiyene kakhulu ngobudala. U-Ayanda umkhusela gqitha udadewabo, utshilo uprincess.

UNomabhele uyayithanda inja  yakhe u-Nikki yaye usoloko edlala nayo

BONA KIDDIES MIX

UNomabhele nomntakwabo, uAyanda, bathandana gqitha

UNomabhele uyazithanda izilwanyana, ingakumbi inja yakhe u-Nikki. Maxa wambi ude azame nokukhwela kuye ngathi ukhwele ihashe.
Uprincess uthi kufuneka aqeqeshwe umntwana ukuze akhule ekhuselekile. Ndiyaqinisekisa ukuba uNomabhele ukhula eqeqeshekile. Emva kwesidlo sangokuhlwa, uyahlanjwa aze ayolala ngo-8:30 ngokuhlwa - andifuni alale emva kwelo xesha nkqu nangomzuzu omnye, utshilo.
UNomabhele uyintwazana eyonwabileyo neyondlekileyo enethamsanqa lokukhula kusapho olumileyo olunako ukumnika amathuba afanelekileyo aya kumenza abe nengomso eliqaqambileyo


UMLIMI, INYOKA NOMVUNDLA


Kwakukho umlimi onobubele ekwakusithiwa nguBaw'uMlimi. Wayethanda ukuya ehlathini ayokha iziqhamo zasendle. Wayethanda nobusi abuphakula kwindlwana yeenyosi.
Kwathi ngaminazana ithile uBaw'uMlimi wabona umlilo ehlathini, weva nelizwi lomntu ekhala Ndincede ndi...ncede! Ndiyatsha! Khawundincede!
UBaw uMlimi akaphozisanga maseko. Wayibeka phantsi ingxowa yakhe eneziqhamo zasendle wagqotsa waya kwicala ekuvakala kulo isandi. Apho wabona inyoka enkulu ipenapena kwingca evuthayo. Tyhini yinamba.
Le namba yaceng uBaw uMlimi isithi:
Ndincede. Ndiyakuthembisa ukuba andinakwenzakalisa. Ndincede. UBaw uMlimi waba novelwano nale namba wayifaka engxoweni yakhe. Waxway ingxowa yakhe washenxa kuloo mlilo ogqugqisayo. Wathi akuqonda ukuba noko akukho ngozi, wayivul ingxowa ukuze iNamba iphume.
Ntang am, ungakhululeka ngoku! watsho uBaw uMlimi. Uyandishiya ngoku? yatsho inamba, ibukeka ixway impazamo. Ndiza kukulum ufe ngoku!
Kaloku undithembisile Namba..., wayicenga umlimi.
Ayifuni mna leyo, yatsho ukuphendula inamba. Wenze ubudenge, umele uvune!

Kwathi kanye ngaloo mzuzu kwathi gqi umvundla usiva le mpikiswano. Khanitsho, kuqhubeka ntoni apha. Ngubani lo oqhatha omnye? Wabuza umvundla.
UBaw uMlimi wachaza indlela ayisindise ngayo le namba emva kokuba imthembise ngokuba ayinakumluma.

Khanime, watsho umvundla. Andiyilandeli le nto. Khanindibonise ukuba kanye kwenzeke ntoni ukuze ndiqonde...
Bavuma ukumbonisa. Inamba yabuyela engxoweni. Umvundla wakhawuleza wavala ingxowa waza wathi kumlimi: Ingxaki yakho ndiyisombulule. Thatha le ngxowa uyiphose ematyeni!
UBaw umlimi wathatha ingxowa esindayo enenamba phakathi wayiphosa ematyeni. Khangela ntang am! watsho. Likowenu elo, sala kakuhle!




Zonke iinyanga siza kukhetha usana oluzuze ibhaso lokuqala lamaR500, oluzuze ibhaso lesibini Iama-R300,
oluzuze ibhaso lesithathu lama-.
R200,
kunye neentsana ezine eziphume kwiindawo ezilandelayo, kanti lulunye kuzo luya kufumana isixa
seemveliso zakwa JOHNSON & JOHNSON ukuze zihlale zonwabile
yaye zisempilweni.
OPHUMELELEYO
COMPETITION

BONA XHOSA - May 1995 135
Ntando Ncube, Mdantsane.
Usana olusempilweni luyonwaba -kwaye kumnandi ukujonga usana
olonwabileyo. Yiyo loo nto abakwaBona nabakwajohnson & Johnson befuna
oomama bathumele iifoto zeentsana zabo ezingaphantsi kweminyaka emibini
ubudala.
Nceda ufake itsheke okanye ipostal order ye-50 cents oyibhale ukuba ihlawulwe kwiProject Touch. IProject Touch
ngumbutho wesisa osekelwe ukufundisa abantwana abasweleyo abangekangeni
esikolweni.
I-R1 000
 IZA KUZUZWA



ISINE
ESIZUZE
ISIXA
SEEMVELISO

IMITHETHO
1. Olu khuphiswano lunokungenelwa nangubani na ngaphandle kwabasebenzi bakwaJOHNSON &
JOHNSON, abakwaRepublican Press nabeenkampani ezibhengeza iimveliso zabo.
2.Ilintsana mazibe ngaphantsi kweminyaka emibini	nefoto yosana lwakho kule dilesi:
ubudala. l JOHNSON & JOHNSON/BONA Happy & 3. AKAYI kwamketwa amangenelo athunyelwe ngerejsta.	,
4. AbakWaJOHNSON & JOHNSON nabakwaBONA	
abasayi kubekwa tyala ngokulahleka nangokonakala
kweefoto, kwaye iifoto ziya kubuyiselwa kubaninizo xa	
bethumele imvulophu ebhalwe idilesi yafakwa isitampu.	
5. Kuya kwamkelwa amangenelo abemi baseMzantsi-,
Afrika kuphela.	 
	
6. Amangenelo asenokuthunyelwa kunye nepostal order
okanye itsheke esisipho se-50 cents ebhalwe ukuba	 ldilesi yam__. _Ikhowudl,...............
 mayihlawulwe kwiprolect Touch.



Usethubeni elihle kwezothando. Uza kuzinandipha ezolonwabo ozichitha nomntu okufanelayo. Lithuba lokuqinisa amaqhina othando. Imihla yethamsanqa: ngowe-9 nowe-1O. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-9.

                                     VIRGO
		(August 24 - September 22)
Lamkele ithuba elisavulekileyo onokulisebenzisa ekuphumezeni okuninzi. Usenokuzuza ishishini obukade ulinqwenela kanti usenokuwuzalisekisa umnqweno okhethekileyo kwezobugcisa. 



                                 TAURUS
	           (April 21 - May 2q)
Phucula inkangeleko yakho ukuze ubenomtsalane ebantwini osebenza noneengxoxo
nabo. Okwenziwa ngophikisana nabo kusebenzise uze uphumelele kumashishini akho. Lisebenzise inyathelo elizokwenza ezothando zibe yinto oyifunayo. Kusemagxeni akho ukulondoloza ezothando. Imihla yethamsanqa: ngowama-26, owama-27
nowama-28. Amanani ethamsanqa: ngu-1, u-8
no-9.
                 GEMINI
	(May2l -June2l)
Ngeli thuba yithi qwa ukuze uyibone inkqubela ebang'umdla kwiphulo lezorhwebo. Nxanelwa ulwazi olukhethekileyo ukuze ubathwaxe
abaphikisana nawe. Amathemba ezothando aqaqambile, tyekela kwisenzo esibang umdla ukuba ulindele ukuphucula ubuhlobo onabo okanye ukubona umntu owahlukileyo. Imihla yethamsanqa: Ngowoku-1, owe-2, owe-3, owamanani 29 nowama-30. Amanani ethamsanqa: ngu-1, u-2 no-3.
              Cancer
	     (June22- July22)
 lnkqubela iqala engqondweni yakho. Xhakamfula ithuba elihle lokuqalisa imicamango nemigudu emitsha. Usenokuqala into enomdla ebantwini abaza kukuxhasa ngemali xa ufun inkxaso.
Ubomi bumnandi xa kukho uthando, uza kuvuya wakuqonda ukuba xa wena uqalisa ukuthanda uza kufumana ukuhoywa okufudumeleyo. Imihla yethamsanqa: ngowe-4, owe-5, owe-6 nowama 31. Amanani ethamsanqa: ngu-4, u-5 no-6.

	 	LEO
	(July 23 - August 23)
Nik ingqalelo kubomi bosapho kuba ngoku unokuwuqabelisa umbandela obuyingxubakaxaka nobufuna ukusonjululwa. Sebenzisa ubuchopho, iimvakalelo zibek' ecaleni xa uxoxa nawona malungu aphambili osapho. Kwezothando uza kuba namava athob' unxano xa uzivakalisa iimvakalelo zakho unyanisekile, ubonisa inkanuko.
Imihla yethamsanqa: ngowe-7 nowe-8. Amanani  ethamsanqa: ngu-7 no 8

             LIBRA
(September 23 - October 22)
Zimisele ukwahlukana nemikhwa engeloncedo. Yenza imithambo ukuze uhlale usempilweni. Ubuchopho neemvakalelo buza kuphucuka ukuze buhambisane nempilo yomzimba. Unokuzenzela iqonga lolonwabo kwezothando. Ukumcenga njengenene lowo umnqwenelayo kuza kuphumela kwezothando ezonwabisayo. Imihla yethamsanqa:
ngowe-1 1 nowe-1 2. Amanani ethamsanqa: ngu-2 no-3.

       SCORPION
 (October 23 - November 22) 
Amacebo akho aza kwamkelwa, uza kuzuza kwiinceba zomnye umntu. Lunga kwabanye abantu ukuba ufuna bazamkele izicelo zakho. Eli lithuba elihle lokwenza okanye ukuphucula amalungiselelo. Ezothando zithembisa ngokunik umdla. Ukwaneliseka kunokukubangela umanelise kakhulu oye wakonwabisa. lmihla yethamsanqa: ngowe-1 3 nowe-1 4. Amanani ethamsanqa: ngu-4 no_5.

SAGITTARIUS
(November 23 - December 21) Ubomi abumi ndawonye, lungela ukuzishiya ngasemva ezinye izinto - ingakumbi iingcamango neemvakalelo ebezikubambile ixesha elide ukuze uqhubele phambi yaye ukhule. Lithuba elihle lokwenza isiqalo esitsha. Uthando nokuba ndawonye kufanele kunenze nobabini nichwayite yaye nibe nothando. lmihla yethamsanqa. ngowe1 5 nowe-1 6. Amanani ethamsanqa: ngu-6 no-7.

CAPRICORN
(December 22 - January 20)
Ungalilibali ikamva njengokuba uqhubeka nobomi. Kuninzi onokukwenza ukuqinisekisa ufumana impumelelo kwizinto ozenzeayo nasemalini ngokuhamba kwexesha ngokukhetha abantu abafanelekileyo onokunxulumana nabo. Ezothando zifanele zivumelane nawe zibang' uchulumanco. Ukuba akunaso isithandwa kwaye ufuna esitsha, uza kuba nethamsanqa. lmihla yethamsanqa: ngowe-1 7 nowe-1 8. Amanani ethamsanqa: ngu-8 no-9.

AQUARIUS
(January 21 - February 19) 
Unokulindela ukuzinabisa iimpembelelo zakho nokwamekelwa. Babonakala abantu belindele inkqubela yakho. Nyalasa uzithembe, yaye xa usenza kakuhle, uza kuchuma. Ngoku unako ukuthanda uze uthandwe, unako ukuwudlulisela lula umnqweno wakho wothando engqondweni nasentliziyweni yalowo umthandayo
nowama-20. Amanani ethamsanqa: ngu-1 no-2.

PISCES
(February 20 - March 20) Kwimisebenzi ebandakanya amaqela unokusebenza ngokuphumelelayo ingakumbi xa iliphulo lokunceda uluntu. Ubuchule bakho bokukhokeia okanye bokuququzelela bunokuphumelela, uza kuziva wanelisekile. Ulindelwe kokukhethekileyo kwezothando ukuba akunamntu umthandayo kwaye uyamfuna. Ukuba unaso, unokumisela ingxelo entle kwisithandwa sakho. lmihla yethamsanqa: ngowama-21, owama-22 nowama-23. Amanani ethamsanqa:
ngu-3, u-4 no-5.

ARIES
(March 21 - April 20) Eli lithuba elihle lokuzalisekisa iminqweno yakho. Wasebenzise ia mathuba ngoxa esafumaneka. Unako nokuzama ukuphumeza iminqweno emitsha. Lisebenzise ithuba lokwanelisa iminqweno. lingxaki zobuqabane unokungazihoyi luze uthando lugcinwe. Uxesha elihle lokwenza isiqalo esitsha. lmihla yethamsanqa: ngowama-24 nowama-25. Amanani ethamsanqa: ngu-6 no-7.




BONA XHOSA - May 1995 19
	
OKWABANTWANA

Ngaba ungumzali, umawokhulu, umgcini womntwana, ititshala yabantwana abancinane okanye uyititshala yasekretshi ekhathalela abantwana abancinci?
Funda apha ukuze ufumane amacebo okwenza abantwana obafundisayo
bakonwabele ukufunda.

Funda Ngamanani


Abantwana bathi besebancinane bafunde ngamanani. Badla ngokukhawuleza bakwazi ukubiza amanani! Unokusebenzisa amathuba owafumana yonke imihla ukufundisa umntwana wakho ngamanani. Nangona oko kungafani nokubala, umntwana wakho kuza kufuneka afunde amanyathelo asisiseko.

Umxholo 17: Amanani
nokubala
lingoma zasekretshi yeyona nto umntwana aqala ayifunde kunamanani. Fundisa umntwana wakho iingoma eziya kumnceda afunde amanani nokuwala-ndelanisa. Oku kufanele kube yinto eyonwabisayo!

Nazi ezinye iingoma onokuqala umfundise zona:

Iisoseji ezintlanu ziqhotswa epanini
Ngequbuliso enye iyaqhushumba Kusale iisoseji ezine eziqhotswe epanini..

Bonisa abantwana onke amanani owabona yonke imihla. Bonisa abantwana amanani ewotshi eseludongeni. Yitsho bakubonise amanye amanani akuyo.
Kungekudala umntwana wakho uza kukwazi ukubala! Abantwana abaninzi abazi ukuba athetha ntoni amanani. Badla ngokungakwazi ukulinganisa amagama nezinto eziphathekayo. Zikho iindlela ezonwabisayo
onokubafundisa ngazo. Lungisa itafile kunye nabantwana bakho. Thetha ngokunika imela Enye kajabu, imela Enye kaThulani, nemela Enye kaThabisile. Emva koko uzobe izindlu zibe ngumgca. Yitsho umntwana ngamnye azobe umntwana kufutshane nendlu nganye.



20 BONA XHOSA - May 1995

OKWABANTWANA

Ukubala
Ukubala yeyona nto bayifunda nzima abantwana, phofu ngoku baya kuba benento abayaziyo ngamanani nangento ayithethayo! Qala ngokubala izinto ndawonye. Baxelele baqhwabe izandla zabo ngokwamanani obanike wona! Yitsho babethe igubu! Benzise into eza kubenza babale yonke imihla.

Bafundise ukubata igrosa, ukubala iimoto ezisesitratweni nokubala abantwana abafunda nabo. Bafundise ngendleta eyonwabisayo! Ungababalisi bagqithe kuntathu okanye kune de bawazi bonke la manani.

Nanku umzobo onezinto ezahlukahlukeneyo -iintaka, iimoto, izindlu nezinja. Yitsho abantwana benze isangqa sijikezele izinto ezifanayo. Abantwana bamatshintshane ngokudibanisa amaqela ezinto ezifanayo ngeepensile ezinemibala eyahlukeneyo.

Amakhadi amanani
Amakhadi amanani ayanceda ekufundiseni abantwana ukuba uphawu oluthile luhamba neliphi inani. Ngezantsi yingqokelela yamakhadi amanani anamanani abhaliweyo. Wasike la makhadi. Yitsho abantwana babeke inani lezinto ezikwikhadi ngatinye.


BONA XHOSA - May 1995 21

OKWABANTWANA

Umdlalo Wogqatso Lweemoto
Nanku umdlalo omnandi onokuwudlala nabantwana bakho. Lo mdlalo ufundisa abantwana ngamanani. Umdlali ngamnye kufuneka abe nelitye elincinane okanye iqhotsha. Elo litye okanye iqhotsha liyimoto yakho. Bekani iimoto zenu emgceni ekuqala kuwo ugqatso.
Umdlali ngamnye ufumana ithuba lokusebenzisa izikwere zamanani. Xa ufumene une, qhuba imoto yakho igqithe kwizithuba ezine kwindawo ezibaleka kuyo iimoto. Bala
ngokuvakalayo uthi Nye....bini...thathu....ne nomntwana wakho.Xa imoto yakho iye kuma kwindawo ebhaliweyo, yenza okubhalwe apho! Uya kuba uphumelele umdlali efike kuqala
imoto yakhe emgceni wokuphela kogqatso.



Okutshiwo ngabafundi
bakaTyhila Ufunde
Sivuyile kukufumana iincwadi ezininzi ezingophando ebesilwenza kubafundi bakaTyhila Ufunde. Uyakhumbula ukuba kushicilelo lukaDisemba lukaTyhila Ufunde waxela


abafundi ukuba basixelele izimvo zakho ngesi semfundo. Nazi ke iimpendulo zenu!

Bangaphi abafundi abasibhaleleyo?
Babe ngama-235 abafundi abasibhalele kuphando lwethu. Abantu abaninzi baphendule ngesiNgesi (abali 103), abanye baphendula ngesizulu (abangama-60) kanti bakhona nabaphendule ngesiSuthu (bangama-55). Bambalwa abaphendule ngesixhosa. Ngaphezu kwesiqingatha seempendulo bezivela kubafundi abaneminyaka ephakathi kweshumi nanye namashumi athathu. Abafundi abangama-54 bebeneminyaka ephakathi kwama-31 nama-50.

lmfundo
Phantse isiqingatha sabafundi abasibhaleleyo (abali 100) baneBanga lesi-8 kanti abangama-82 baneBanga le-l 0 nangaphezuiu. Abafundi abangama-47 bathe banemfundo yamabanga aphantsi. Phantse ikota yabafundi (abangama-52) bafunda kumaziko eMfundo Yabadala.

Bangaphi abamthan-dayo uTyhila Ufunde?
Sivuyile kukubona ukuba phantse bonke abafundi abasibhaleleyo bayamthanda uTyhila Ufunde (ngabafundi abali-176 abamthandayo. Kodwa sifuna naba bangama-59 abafundi ukuba bamthande uTyhila Ufunde, ngoko siza kuzama ukunikhuphela enikuthandayo!


Okuthandwa ngabafundi
Nanga amacandelo amahlanu aphambili:
lPoetry neBetter English: ithandwe ngabafundi abangama-129.
Imfundo Yabadala: ithandwe ngabafundi abangama-93. Imisebenzi: ithandwe ngabafundi abangama-88. Abantu Abakwimfundo: lithandwe ngabafundi abangama-75.
Amalungelo Oluntu: lithandwe ngabafundi abangama-72

Amacandelo angathandwayo ngabafundi
Awona macandelo kucacileyo ukuba abafundi
abawathandi ngamakhasi Abantwana, Abantwana
Abancinci, Ihlabathi Lethu, Abafundi Abatsha nekhasi
Leencwadi. Sibhaleleni nisixelele izimvo zenu!

Iqela likaTyhila Ufunde liza kuliqwalasela icandelo laBafundi Abatsha neleHlabathi Lethu, lize likutshintshe eningakuthandiyo. Ngaba niqaphele ukuba sesilinciphisile icandelo laBafundi Abatsha ukuze sifake amakhasi eGeography yeBanga lesi-7?

Enifuna kongezwe!
Abafundi bakaTyhila Ufunde bathi bafuna aandiswe amakhasi afundisa ngesiNgesi (kutsho abafundi abali1 95), kwandiswe nomsebenzi wesikolo (bali-1 69 abatshoyo), kwandiswe ikhasi leMisebenzi (bali-1 57 abatshoyo), kwandiswe necandelo leMfundo Yabadala (bali-143 abafundi abatshoyo). Siza kuzama ukuwandisa la macandelo kwiinyanga ezizayo.


Nithini nina bafundi?
Sibhaleleni nisixelele ukuba niyavumelana na okanye anivumelani nokutshiwo ngabanye abafundi. Uluvo lwakho lubalulekile kuthi kuba sizama ukunipapashela esona sihlomelo semfundo siphambili eMzantsi-Afrika.
	3Z BONA XHOSA - May 1995

134 BONA XHOSA - May 1995

24 BONA XHOSA - May 1995

